



kwenzekile emdlalweni wePirates neVaal Professionals KwaMasiza eSebokeng, apho kwasweleka umbukeli omnye kwahlatywa yaye kwenzakala kanobom amagosa okhuselo amabini eNSL emva kokuba kwakuphendulwana ngelophisi kwaphinda kwenzeka loo nto kwakhona emdlalweni wendebe wePirates neManning Rangers eThekwini kutshanje ndingatsho ukuba iNSL isengxakini.
Wonke umntu ongumlandeli webhola kweli uya kundingqinela kwelokuba izinto azihambi kakuhle kwiNSL . Eneneni lombutho uyihlazile ibhola yaseMzantsi-Afrika!
Urhoxise ifayinali yeCoca-Cola , ebimiselwe umhla woku-1 kuJulayi ka-1995, kwathiwa iza kudlalwa ngomhla wama-22 kuJulayi , kuthe ngokuhamba kwexesha yatshintshelwa kumhla we-15 kuJulayi . Oku ukwenze emva kokuba urhoxise umdlalo wesemifayinali (obuphakathi kweChiefs neWits ), obuza kudlalwa ngomhla wama-24 kuJuni , wayodlalwa ngomhla we-8 kuJulayi .
Lo mdlalo urhoxiswe ngenxa yokuba iRovers neSundowns ezikhutshwe yiChiefs kolu khuphiswano bezikhalaza ngokuba iChiefs esebenzise umdlali ongabhaliswanga ngokufanelekileyo onguFortune Koloba. Ezo zikhalazo zikhatyiwe yiCoca-Cola Committee .
Sifanele sikhumbule ukuba uMzantsi-Afrika ukhethelwe ukuthwala imidlalo yeefayinali zeAfrica Nations Cup ngoJanuwari ka-1996.
Xa iyindlela esiza kuqhuba ngayo le ekulawuleni ibhol'ekhatywayo, ihlabathi lifanele ukuba lizibuza imibuzo emininzi ngomgangatho wolawulo lwethu.
Mna ndigxeka iNSL ngale mpixwano ekhoyo. Iqela lingambhalisa njani umdlali
ngendlela engafanelanga kwiNSL ? IGosa eliyiNtloko kwiNSL ,
uGeorge Webster , uthi asiloxanduva lweNSL ukuqwalasela iincwadi ezikhulula abadlali kumaqela ebebewadlalela, nangona
bebhaliswa kulo mbutho abadlali. Ngaba oko kuthetha ntoni?
Nangona kunjalo, andikholwa ukuba uMnu. Stanley Screamer Tshabalala weChiefs ubefanele anikwe igunya liqela lakhe lokuhlasela amagosa aphezulu eNSL nabantu abathile abaziindwalutho ebholeni .
Kuthiwa uthe iGosa eliNtloko leNSL , uGeorge Webster , ungumhlekisi.
Abathandi bebhola bayazi ukuba uScreamer noIrvin Khoza abevani, andazi nokuba uScreamer ubebhekise kuye na xa ebesithi onke amalungu esigqeba seNSL kufuneka arhoxe ezikhundleni zawo.
Sesona sigqeba singawenzi kakuhle umsebenzi waso esi oko kwaseka iNSL , utshilo.
Lo ngumsebenzi kaIrvin Khoza. Uzenza umntu ongenanto yakwenza nezi ngxaki kube kunguye oziqalileyo. Uzimisele ukuziphindezela kuKaizer Motaung, kuthiwa utshilo uTshabalala.
UMnu. Tshabala ufanele axelelwe ukuba amazwi anje akayakhi ibhola . Yicingisise into oyithethayo yaye uwunqande umsindo wakho Bra Screamer .
Ngokunjalo noJomo Sono noIrvin Khoza. Bobani bangamalungu esigqeba seNSL yaye abafanele babonise ukuba banomkhethe kwimicimbi yebhola .
Iindaba ezimnandi zezokuba uMongameli Nelson Mandela noMphathiswa wezeMidlalo, uSteve Tshwete, noMongameli weSAFA , uMnu. Solomon Sticks Morewa bangenelele ngelizama ukulamla.
UMnu. Mandela umanye ilizwe ngempumelelo emidlalweni yombhoxo yaye nguye osikelele amaBhokobhko ukuze aphumelele.
Siyathemba ukuba uza kusebenzisa iimpembelelo zakhe ekuzameni ukusombulula iingxaki zombutho wethu webhola . UMnu. Cyril Ramaphosa weANC uthe umoya owenziwe kukuphumelela kweqela leli lombhoxo ufanele usetyenziswe njengesixhobo sokumanya esiya kusombulula iingxaki zebhol'ekhatywayo kweli.


54 BONA XHOSA - August 1995


UKWENZA IKHABHATHI
kubhala uRod BAKER

Kulula ukwenza le khabhathi , inokubekwa yindawo osebenzela kuyo ekhitshini nogcina kuyo iimbiza, iipani nokutya njengoko ubona apha. Iimpahla zakho nezinye izinto unokuzigcina kuyo. Inokufakwa nakwigumbi elincinane, inkoliso yabantu iza kuthanda ukuthenga le khabhathi .

Le yikhabhathi onokuyisebenzisa naphi na. Kodwa khumbula ukuba xa ufuna ukuwakha engalinganiyo nale okanye ufuna ukuyakha ngenye indlela kuya kufuneka usebenzise amaplanga nezinye izixhobo ezahlukileyo kunezi sizisebenzise kule.


Izinto Ezisetyenziswayo:
Iplanga lekhabhathi ( leliyichipboard ):
l6mm ubungqingqwa x 530mm ububanzi - 3,6m lelokusetyenziswa emacaleni, lamacala amabini lilinye yi-850mm x 530mm) elomntla nelomzantsi (lilinye yi-468mm x 500mm) ize ishelufu ibe yi-(468mm x 500mm). Iplanga lomva ( lelechipboard ): 16mm ubungqingqwa x 500mm ububanzi x 750mm ubude. Iplanga locango ( leliyichipboard ): 16mm ubungqingqwa x 460mm ububanzi x
714mm ubude. Iplanga lokuqinisa iindawo adibana kuzo amaplanga ( elompayini ) l9mm x l9mm skere x 6m ubude. IGlu yamaplanga; izkru eziyi-36 zibe yi-30 mm ubude, ihinjisi ende (piano hinge) ibe yi-500mm ubude kunye nezikru , umqheba wocango omnye, isitshixo esinye, ipeyinti yakwaPlascon oyithandayo.

Indlela yokwenza le khabhathi :
1. Sisebenzise isarha IBOSCH PST 54E





ukusarha ichipboard ibe bubude obufunekayo. Esi sixhobo sityhale ngobunono emgceni, ungasityhali ngamandla. Siyeke sikwenzele umsebenzi. Kuqala sarha amaplanga asemacaleni, elomntla, elomzantsi. Phawula indlela iikona zamacala ezigudiswe ngobunono ngayo ukuze zingabi tsolo.
2.Ukwenza imingxuma yezikru sisebenzise iBosch PBM 4,8 V/12 cordless accu-drill . Khumbula izixhobo zakwaBosch zombane nezingenantambo zinokusetyenziswa naphi na.
3.IGlu ifakwe apho amaplanga adibana khona, sisebenzise iBosch PSR 3,6V cordless accu-screwdriver ukuqinisa izkru eplangeni .
4.Le khabhathi ibukeka inje xa kudityaniswe amacala, umntla, umzantsi nomva. Phawula indlela umcu weplanga oyi-19mm x 19mm osetyenziswe ngayo ukuqinisa apho amaplanga adibana khona.
5.Ngoku sisarha le shelufu ukuze ibe yisayizi esiyifunayo eyi-468mm ububanzi x 500mm - ukuze ucango luvaleke kakuhle. Bona indlela umcu weplanga oyi-19mm x 19mm osetyenziswe ngayo ukuqinisa amaplanga adibeneyo. izkru ezine (njengoko ubona kokuzotyiweyo) neGlu zisetyenziswe ukuqinisa ishelufu emacaleni.
6.Ngoku sisarhe ucango lwaba yile sayizi esiyifunayo, qiniseka ukuthi luza kuvaleka kakuhle, ihenjisi yifake endaweni yayo. Sisebenzise ipiano hinge - yihinjisi ende enezkru ezininzi ukuba uyathanda unokusebenzisa iihenjisi ezimbini ezincinane.Sisebenzise iBosch PSR 3,6V cordless accu-screwdriver ukuze sikhawuleze siyiqinise lula ihinjisi . Ucango lufake kwikhabhathi , kuqala sebenzisa iskru esinye entla nesinye ezantsi, hlola ukuba ucango luvaleka kakuhle kusini na. Ukuba aluvaleki, imingxuma yezikru yigqobhoze kwenye indawo, phinda uzame, xa luvaleka kakuhle, qinisa ezinye izikru . Faka umqheba wocango nesitshixo endaweni yaso.
7.IBOSCH PHO 15-82 power plane isetyenziswa ekugudiseni nokuphungula ubukhulu beplanga - njengoko senzile kwiplanga eliyi-l9mm x l9mm. Iqhosha elingaphambili lisetyenziswa ekutshintsheni ubungakanani beplanga ofuna ukubusarha . Unokuyisebenzisa ekusarheni kakhulu okanye kancinane, nanini na.

60 BONA XHOSA - August 1995
 
UMCEBISI WAKWA BONA


Mcebisi weBona, Udade bomfana endincuma naye nobengumhlobo wam osenyongweni, akasafani nakuqala. Into ayenzayo ngoku kukuphosisa ngegama lam kumntakwabo. Ngoku ixhala lam kukuba mhlawumbi umntakwabo angathi ekuhambeni kwethuba amkholelwe. Ndenze ntoni?
NguN.K, eKlipplaat .

Omawukwenze wena kukuzama kangangoko unako ukuba ungenzi izinto ezizakumnika into anokuthetha ngayo umhlobo wakho. Ngamanye amaxesha okuthethwayo ngomntu kuye kukholeleke. Kodwa wena xa uqinisekile ukuba awunatyala, ungazikhathazi. Inyani ayifihlakali kude kuphele.

Mcebisi weBona, Abazali bam abamthandi umfana endincuma naye kuba enomntwana kwenye intombazana. Bathi nam hleze andenze nzima. Mna ngokubona kwam into yokuba ikhulelwe loo ntombazana ayithethi ukuba nam ndizakukhulelwa. Ngendlela endimthanda ngayo lo mfana andifuni tu ukwahlukana naye. Uthini wena?
NguZ.M., eNokweja Location
Ndiyathemba ukuba ngenene awuyi kukhulelwa kuba xa unokukhulelwa abazali bakho baya kuthi, sasitshilo! Kuba lusizi maxa wambi ukubona abantwana bengabaphulaphuli abazali babo ababanqwenelela ikamva elililo. Kodwa isimanga bakuba sengxakini bafuna uncedo kwakwaba bazali. Into ethetha ukuba nawe xa ungabaphulaphuli zama ungakhulelwa.

Mcebisi weBona, Mibini iminyaka ndiba neendibano zesondo kodwa andiva bumnandi. Oku kumenza umfana endincuma naye azive engandifanelanga. Ndikhe ndizibuze nokuba ndakhulelwa njani kuba andifikeleli nakuvuthondaba.
Ndingayisombulula njani le ngxaki?
NguE.F.B., eHoneydew .

Ukonwabela isondo akudibananga nokukhulelwa. Ukuba bekunjalo ngeba abakhulelwa abantu abadlwengulweyo. Kusenokwenzeka ukuba ukungalonwabeli kwakho isondo kubangelwa kukuba umfana oncuma naye ulenza ungekalilungeli. Ukungakulaneli kwakhe kulapho. Kufuneka enze konke okukwenza ulilungele isondo ngaphambi kokuba nibe nendibano yesondo kungenjalo awukulonwabela.

Mcebisi weBona, Emva kweminyaka emibini nditshatile nabantwana ababini, umyeni wam undishiyile wabuyela kulowo wayencuma naye ngaphambi kokuba sitshate. Bahlala kunye kwaye uza kanye kwiinyanga ezintathu apha kum. Ndibaxelele abazali bakhe kodwa akezi ukuzowuxoxa lo mcimbi. Nam akandigodusi njengoko isiko lisitsho xa indoda ingasamfuni umfazi. Ndidiniwe kukulinda ngoku. NguN.B., eMtata.
Ifanele indoda ikugoduse ngesizathu esibambekayo! Ingeko kuthethelela umyeni wakho, nawe bekungafanelanga ukuba sewunabantwana nisandul' ukutshata. Uzibhaqa sowukhulisa abantwana ababini ngoku endiqondayo ukuba kuyingxaki. Ngokudala umsantsa phakathi kwenzala yakho uzinika ixesha lokumkhulisa ngokwaneleyo umntwana, lokuzihoya wena uhlale ubukeka nelokuhoya umyeni wakho. Xa sele ubaxelele abazali bomyeni wakho kwaye kungekho nto intsha zithathele isigqibo. Mxelele umyeni wakho ukuba udiniwe kukulinda kwaye uzigodukele endaweni yokuba ulindele ukugoduswa nguye. Ukubandakanya abazali bakho kule ngxaki kunokuyisombulula ingxaki yakho.

Mcebisi weBona, Umfana endincuma naye uncuma namantombazana amaninzi kakhulu kwaye xa ndimbonisa ngeengozi zokufumana izifo ezisulelwa ngesondo uthi ndifuna ukumlawula. Akafuni nokuba sisebenzise ikhondom . Andiyithandi le nto ayenzayo nanjengoko engabeki kuphela ubomi bakhe esichengeni, koko nobamantombazana ancuma nabo. Ndiyoyika nokuba nendibano yesondo naye. Ndingenza ntoni?
NguP.D.N., eNewcastle . Akwanelanga ukoyika sukuvuma kwa ukulala naye! Ukuba ngaba ufuna ukubeka ubomi bakhe esichengeni sukumvumela ukuba abeke nobakho. Akukho nto unokuyenza ngokungabi nankathalo kwakhe kodwa unokuzikhusela wena. Ukungalali nomntu ongenankathalo ofana naye akuyi kukubulala kodwa kona ukulala naye kuyakukubalala.

Mcebisi weBona, 
Nangona umfana endincuma naye ephika ukuba wayenza nzima intombazana awayencuma nayo ngaphambili ndiyabhideka kuba ngoku ubuyelene nayo! Ndiyamthanda kodwa indlela aqhuba ngayo iyandibhida. Ngaba ndinayo mna indawo kulento yonke?
NguE.B., kuKomani
Awunandawo kwaphela ngaphandle kokuba ufuna ukuzilibazisa. Kuyacaca ukuba lo mfana uyibonile impazamo yakhe wabona ukuba makabuyele kumama womntwana wakhe akhulise umntwana. Ubungazukuvuya ukuba ngaba le nto ibisenzeka kuwe?




Mcebisi weBona, Xa umama esebenza ebusuku umyeni wakhe uyandidlwengula. Xa ndisithi ndizakumxela kumama uye athi uza kunyamalala asishiye sisokola kuba kakade nguye oza nemali engcono apha ekhaya. Andifuni kudala ngxaki okanye kuphelisa mtshato kamama kodwa ndiyayonyanya le nto yenzeka kum
NguP.M.L., eKlaarwater .

 Njengokuba ungafuni kudala ngxaki kufuneka wazi ukuba nguwe kuphela onokuzikhupha kule ngxaki ukuyo. Xelela umama wakho kanye le nto undixelele yona. Ukuziphatha komyeni wakhe asiyongxaki yakho kwaye nokuza kuqhubeka emtshatweni wabo asiyongxaki. Ukuba ngaba umama wakho uxolele ukuthengisa ngawe ukugcina umntu oza nemali ebhetele ekhaya qhagamshelana nabeRape Crisis okanye abeChild abeLine kule nombolo ingahlawulelwayo (08000-55555) kungenjalo qhagamshelana nabecandelo elijongene nokhuseleko lwabantwana elikufutshane kuwe..


64 BONA XHOSA - August 1995 

EZEMPILO ZIKASISTA LINDIWE


AMADODA AZIINGEDLE ZECUBA
ASESICHENGENI
Amadoda atshaya imidiza ngawona asemngciphekweni wokuba nomhlaza wemiphunga kunabasetyhini abaziintshayi, lutsho uphando olwenziwe yiCanadian Journal of Public Health . Uphando lweminyaka emibini olwenziwe kwilaboratory Centre for Disease Control eOltawa lubonise ukuba indoda enye kwamathandathu aziintshayi iza kuba nomhlaza wemiphunga xa kuthelekiswa nowasetyhini omnye kwabalithoba.
Le ngxelo ithi umahluko ubangelwa ziziphumo zophando olubonisa ukuba amadoda aqala ukutshaya eselula aze abe ziingedle kunabasetyhini.


UVITAMIN E UTHINTELA UKUNGABI NANZALO

Uphando lwamvanje lubonisa ukuba uVitamin E unegalelo elihle ekuphuculeni amandla esini sakho namathuba akho okuzala. UGqr. Earl Mindell , oyititshala yeeVithamini nombhali weVitamin B ibe uthe uVitamin E wandisa amandla amadoda nabasetyhini okuzala kwaye unceda namadoda anengxaki yokuvukelwa. Okona kutya ufumaneka kuko uVitamin E yiWheat Germ , ibroccoli , ibrussel sprouts , ispinatshi , imifuno enamagqabi aluhlaza, ingqolowa, iisiriyali zengqolowa, amaqanda, ipeanut butter , iisunflower seeds , iAlmond namanye amandongomane.
Kodwa okuthatha indawo yoVitamin E akunandleko, kuyindlela elula yokuqinisekisa ukuthi ufumana le Vithamini .

UNCEDO KWABANEBHABHALAZA

Libala ngekofu emnyama endaweni yayo sela iincindi zeziqhamo ezingxengiweyo. Utywala obuninzi bukwenza unxanwe, ukhathazwe sisisu yaye ungakuthandi ukutya.
Ikofu ekwenza uchame qho, inokukwenza uphelelwe ngamanzi emzimbeni, nto leyo elibazisa ukuphela kwebhabhalaza.
Kufuneka usele malunga nelitha yamanzi xa uvuka kuze kuma-24
eeyure alandelayo usele enye ilitha. Amanzi alungile kodwa sebenzisa iincindi zeziqhamo ukuze ufumane iikilojoules , iiVithamini nePotassium oyifunayo.

NGABA UNGENWE SISINAMBUZANE
ENDLEBENI?
Xa ungenwe sisinambuzane endlebeni yakho, khumbula ukuba izinambuzane zithanda ukukhanya.
Guqula intloko yakho indlebe ijonge elangeni okanye ekukhanyeni okuqaqambileyo xa usendlwini.
Lumka ukugqogqa nantoni na esendlebeni. Kunokwenzeka isinambuzane sibhabhe okanye sihambe siphume, ngaphandle kokuba sincamathele endlebeni. Xa kunjalo kufuneka uye kugqirha.

IPEPILE IPHOLISA UMQALA OBUHLUNGU

Kwixesha elizayo xa unomqala obuhlungu okanye unokhohlokhohlo olungapheliyo, zama olu nyango lungaqhelekanga icayenne pepper eqhwethayo. Iya kuphelisa ukuqaqamba komqala utsho uJane Giltinan , ugqirha omkhulu eBastry University Natural Health Clinic eSeattle . Inceda ekupheliseni iintlungu ezibangelwa yimithambo-luvo. Kubakho umnyinyiva de imithambo-luvo ikwazi ukukhupha efanele ikukhuphe. Umxube wekota yetispuni yepepile , incindi okanye isiqingatha selamuni netispuni yetyuwa uyanceda.

UKUSELA IIPILISI
iipilisi zihla lula xa uzithoba
ngamanzi umile, kufanele ume malunga nomzuzu omnye onesiqingatha emva kokuba uziginyile.
Kungenjalo loo pilisi inokuhlala emqaleni wakho imizuzu emininzi, mhlawumbi inyibilikele apho ibangele isitshisa okanye isicaphucaphu.


UKUNYANGA UKUKRUNEKA

Qala ngokubandayo ugqibele ngokushushu -le yeyona ndlela ilungileyo yokunyanga ukukruneka nokunye ukwenzakala. Ukusebenzisa amanzi abandayo ngokukhawuleza, umkhenkce okanye itawuli emanzisiweyo kuluncedo, kuthomalalisa iintlungu, ukudumba, kolula imisipha kuphelise nenkantsi.
Ubushushu- amanzi ashushu okanye ukuhlikihla okwenziwa emva kokwenzakala kunceda ekuthomalaliseni iintlungu nokukruneka, kunegalelo ekwandiseni ukujikeleza kwegazi kuloo ndawo eyenzakeleyo.
Xa usebenzisa into eshushu ngokukhawuleza emva kokuba wenzakele kunokukwenza udumbe, kanti kusenokwenza wophe.

ONKE AMABHINQA AFUNA ICALCIUM

Ukuba ulibhinqa ufuna iCalcium yonke imihla - mhlawumbi akufumani eyaneleyo. ICalcium ikukhusela kwiosteoporosis, isifo esinciphisa amathambo nesibangela ukwaphuka kwamagxa namahleza nokugoba kwabasetyhini xa besaluphala. Abaphandi bakwadiza nokuba ukufumana i-1,500mg yeCalcium ekuthiwa ufanele uyifumane yonke imihla kunceda ekulweni nePMS , uxinzelelo oluphezulu lwegazi, ukungasebenzi kwemithambo-luvo kukwanika amandla kukwenza ungangenwa lula zizifo.



		BONA XHOSA - August 1995 53



